Wamkelekile kwi-Ubuntu Linux 5.04 : Ukukhutshwa Hoary Hedgehog .


I-Ubuntu Linux yinkqubo yokusebenza enguvimba ovulekileyo nopheleleyo neyakhiwe kwi-Linux kernel. Uluntu lwe-Ubuntu luquka abaphuhlisi be-software, abaguquli bolwimi, abantu abathanda ukubhala amaxwebhu, nokubaluleke kakhulu, abantu abasebenzisa i-Ubuntu yonke imihla. Siyakumema ukuba ujoyine olu luntu uze uncedise ekwenzeni i-Ubuntu inkqubo esebenzayo eya kuthandwa ukusetyenziswa lusapho lwakho nezihlobo kunye namaqabane akho osebenza nawo. Nceda ekuguquleni i-Ubuntu kulwimi lwakho, yivavanye kwii-laptop ezintsha, iiseva kunye ne-hardware engenye eyonwabisayo, uphucule izikhundla zonxibelelwano ngekhompyutha ngeengcebiso, izilumkiso ne-FAQ, okanye uncedise ekuchazeni ingqokelela ye-software efakwe ngokumiselweyo ekukhutshweni kwe-Ubuntu kwixesha elizayo.

Uluntu lwe-Ubuntu lwakhiwe kwizimvo ezifakwe kwi-Ubuntu Manifesto: zokuba i-software kufuneka ifumaneke ngaphandle kwentlawulo, sokuba izixhobo ze-software kufuneka zisetyenziswe ngabantu ngolwimi lwabo lwengingqi kwaye ngaphandle kwako nakuphi na ukukhubazeka, kwakunye nokuba abantu kufuneka bakhululeke ukuzilungiselela ngendlela abathanda ngayo baphinde batshintshe i-software yabo ngayo nangayiphi na indlela abayibona ifanelekile. Ngenxa yezo zizathu:

Fumana okuninzi e-http://www.ubuntulinux.org/ okanye ujonge kokunye koku kulandelayo:

IHlabathi elinguMmangaliso le-Linux

I-Ubuntu isebenzisa i-"Linux" kernel, i-software eze kuchaza intshukumo yehlabathi lilonke ekwamkeleni i-open source software. Fumana ulwazi nge-Linux e- Linux.org.

UMahluko

Luninzi usasazo lwe-GNU/Linux (umz., Redhat, SuSE, Debian, Mandrake) kodwa i-Ubuntu iyazibalula njengohlobo olwahlukileyo losasazo.

Njengoko yakhiwe kwisiseko esomeleleyo nesibanzi se-Debian, iqela le-Ubuntu lijolise ekuyileni usasazo olunikezela inkqubo ehlaziywa rhoqo necacileyo ethetha into enye yenkqubo ye-GNU/Linux ye-desktop ne-server computing. I-Ubuntu iquka inani lemiqulu ekhethiweyo esuka kusasazo lwe-Debian kwaye ikwasekelwe kwinkqubo yayo yolawulo lomqulu onamandla i-"APT" inkqubo yolawulo lomqulu. I-APT ivumela useko-zixhobo olulula nokususwa okucocekileyo kwemiqulu yeenkqubo kwakunye nemiqulu ekhuphela ulwazi olongeziweyo ngokuzenzekelayo ukwanelisa uxhomekeko. Ngokungafaniyo nolunye usasazo oluthumela ngenqanawa uluhlu olubanzi lwemiqulu ye-software esenokuba okanye ingabikho mgangathweni, uluhlu lwemiqulu ye-Ubuntu luncitshiselwe kwinani leenkqubo ezibalulekileyo nezikwizinga eliphezulu. (Nangona onokukhetha okuninzi, ungakhetha kuluhlu olupheleleyo, kunokuba umiselwe umda koyena ndoqo onomgangatho ophezulu.)

Ngokuqwalasela umgangatho, i-Ubuntu ivelisa indawo eyomeleleyo neneempawu ezityetyisiweyo zekhompyutha ekulula ukuziguqu-guqula xa uzisebenzisa ekhaya nakwiindawo zoshishino. Le projekthi inexesha elininzi elisetyenziswa kwiinkcukacha ezichanekileyo kwaye iyakwazi ukukhupha inguqulelo ene-software entsha neyona inkulu esetyenziswa kule mihla, rhoqo kwiinyanga ezi-6. I-Ubuntu isebenza ngeenguqulelo ze-i386 (Pentium CPUs / IBM-compatible PCs), AMD-64 (Hammer) ne-PowerPC (iBook/Powerbook, G4 ne-G5) kubugcisa bokwakha.

I-Desktop

Indawo emiselweyo ye-desktop ye-Ubuntu GNOME, yi-desktop suite ekhokeleyo ye-Unix ne-Linux ne-platform yophuhliso.

Enye i-desktop ekhokeleyo ye-Unix ne-Linux yi- KDE. I-Ubuntu ayifaki i-KDE desktop ngokumiselweyo. Iprojekthi ngokwangoku inokunqongophala koovimba bokugcina zombini ii-desktop ze-KDE ne-GNOME kwizinga eliphezulu lomgangatho. Kodwa ke, uya kuyifumana yonke imiqulu ye-KDE onokuyifuna kwicandelo lehlabathi le-Ubuntu. Kwixesha elizayo, abasebenzisi be-Ubuntu baya kukwazi ukuba bakhethe phakathi kwezi-desktop ezibalasele kakhulu. Umsebenzi kulo mba wenziwa liqela le-Kubuntu.

I-OpenOffice.org

I-Ubuntu iquka i- OpenOffice.org Business Productivity software suite ebalaseleyo. Oku kuquka i-word processor, spreadsheet nokudibana kwe-presentation nefana kakhulu nezinye ii-software ze-Office ezisetyenziswa kakhulu. Funda ngokubanzi malunga ne-OpenOffice.org project kwi- OpenOffice.org.